INKCAZO-JIKELELE NGEEMFANELO ZOLUNTU
ISINGENISO
Njengoko iimfanelo zesidima soluntu semvelo kunye neemfanelo zoluntu-jikelele
olungenakunikelwa olusisisekelo senkululeko, ubulungisa noxolo emhlabeni.
Njengoko ukungananzi nokudelelwa kweemfanelo zoluntu ezingunobangela weziphumo
zobukrwada ezithi zibangele ingcwangu kwisazela soluntu, kunye nesiqalo nokufika kwelizwe
apho uluntu luza kuxhamla ukuthetha ngokukhululekileyo, inkolo nenkululeko engenaloyiko
kunye neemfuno ezazisiweyo njengeminqweno yoluntu-jikelele.
Kwananjalo kubalulekile ke ngoko, ukuba umntu anganyanzeliswa ukufumana uncedo,
okwetyeli lokugqibela, ukuchasa ubundlobongela nengcindezelo, kuba iimfanelo zesidima
sobuntu mazikhuselwe ngolawulo lomthetho.
Njengokuba kubalulekile ukukhuthaza kokwandiswa kobuhlobo nemvisiswano phakathi
kwezizwe.
Njengoko uluntu Lwezizwe Ezimanyeneyo luthe lwaqinisekisa kukubaluleka kweemfanelo
zesidima soluntu, oku kuxabiseka kwesidima nokuxabiseka koluntu nakwiimfanelo zamadoda
namakhosikazi, bathe bazimisela ukukhuthaza inkqubela yezentlalo nomgangatho obhetele
kwimpilo yoluntu ekhululekileyo.
Njengoko amalungu obuRhulumente kunye nawezizwe ezimanyeneyo azimisele ukukhuthaza
intlonipho yoluntu-jikelele nokuqatshelwa kweemfanelo zoluntu nokubaluleka kwenkululeko.
Njengoko iimvisiswano zesidima soluntu nenkululeko yoluntu zibalulekile ukuze kuzuzwe
esi sithembiso,
NGOKU-KE NGENXA YOKO,
Intlanganiso-jikelele
Yazisa ngale nkcazo-jikelele engeemfanelo zoluntu ezikumgangatho oqhelekileyo
wokuphumeza abantu bonke kunye nezizwe zonke, kude kube sekugqibeleni nokuba wonke ubani
nakunye nemibutho yoluntu, ekufuneka igcine le nkcazelo, izame ukufundisa nokuqeqesha
ukukhuthaza intlonipho yezomfanelo zoluntu nenkululeko, neendlela zenkqubela phambili,
kwisizwe sonke nakumazwe angaphesheya ukuze kukhuseleke ummiselo-jikelele nokuqapheleka,
uqwalaselo, phakathi koluntu lwamalungu oburhulumente ngokwawo, kunye nabantu bezizwe
ezibaphetheyo.
Inqaku loku-1
Bonke abantu bazalwa bekhululekile belingana ngesidima nangokweemfanelo. Bonke abantu
banesiphiwo sesazela nesizathu sokwenza isenzo ongathanda ukuba senziwe kumzalwane wakho.
Inqaku lesi-2
Wonke umntu unamalungelo kwiimfanelo nenkululeko eziqulathwe kule nkcazelo, ngaphandle
kokwahlulwa ngobuhlanga, ibala, ubuni, ulwimi, inkolo, ezopolitiko nezinye izimvo,
ezesizwe okanye ezentlalo, ezokuzalwa okanye namanye amawonga.
Ngaphezu koko, akukho mahluko unokwenziwa usekelwe kwezopolitiko, ulawulo
lwezobulungisa okanye amawonga ezizwe nezizwana okanye ummandla apho umntu akhoyo, nokuba
uzimele, ukuthembeka, urhulumente ongazimelanga okanye nokuba zeziphi indlela zokunciphisa
ulawulo lobukumkani.
Inqaku lesi-3
Wonke umntu unelungelo lokuphila, inkululeko kunye nokhuseleko.
Inqaku lesi-4
Akukho namnye oya kugcinwa ebukhobokeni nakukhuselo lomnye umntu, kanti urhwebo
ngamakhoboka aluvumelekanga nangayiphina indlela.
Inqaku lesi-5
Akukho namnye oyakuphathwa gadalala, ngenkohlakalo, ngokungenabuntu okanye ngempatho
eluhlazo okanye isohlwayo.
Inqaku lesi-6
Wonke umntu unelungelo lokwamkelwa yonke indawo njengomntu phambi komthetho.
Inqaku lesi-7
Bonke abantu bayalingana phambi komthetho kwaye benamalungelo ngaphandle kocalu-calulo
ngokulinganayo kukhuseleko lomthetho. Bonke abantu banelungelo lokhuselo olulinganayo
oluchasene naluphina ucalu-calulo olwaphula le nkcazelo, nangokuchasene neendlela
zothelekiso kucalu-calulo.
Inqaku lesi-8
Wonke umntu unelungelo loncedo lwesiphumo sobuchule benkundla yamatyala esizwe
ngokomthetho owaphula iimfanelo ezibalulekileyo ezinikelwa ngumthetho wolawulo.
Inqaku le-9
Akukho namnye oza kubanjwa ngendlela engaqondakaliyo, abe libanjwa okanye abe
selubhacweni.
Inqaku le-10
Wonke umntu unelungelo elipheleleyo elilinganayo nelilungileyo nokuxoxwa kwetyala
esidlangalaleni yinkundla ezimeleyo okanye inkundla zamatyala ezingakhethi cala ekumisweni
kwamalungelo nemfanelo zoluntu kunye naluphi na ulwaphulo mthetho amangalelwe ngalo.
Inqaku le-11
- Wonke umntu omangalelwe kuba enetyala, unelungelo lokubonwa engenatyala ade abe
ufunyenwe enetyala ngokwasemthethweni kwinkundla yamatyala apho ebe nesiqiniseko
esifanelekileyo sokhuseleko.
- Akukho namnye oya kufunyanwa enesohlwayo setyala ngenxa yomthetho okanye ukushiya isenzo
esingamisa isohlwayo setyala, ngaphantsi kwamatyala esizwe nawezizwe-jikelele, nangexesha
lokwenzeka kwetyala. Nakuba kubekwe isigwebo esinzima kunesiya esasisetyenziswa ngexesha
lokwenzeka kwetyala.
Inqaku le-12
Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe
okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu
kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo.
Inqaku le-13
- Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni.
- Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde
abuyele kwelakhe ilizwe.
Inqaku le-14
- Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye
amazwe.
- Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo-mthetho
olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho-siseko zeZizwe
ezimanyeneyo.
Inqaku-15
- Wonke umntu unelungelo lobuhlanga.
- Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha
ubuzwe bakhe.
Inqaku le-16
- Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe
okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni
naxa sewuqhawukile.
- Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni
nenkosikazi.
- Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko
oluvela kuluntu nakuRhulumente.
Inqaku le-17
- Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye.
- Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe.
Inqaku le-18
Wonke umntu unelungelo leengcinga ezikhululekileyo isazela nokholo, eli lungelo liquka
inkululeko yokutshintsha ukholo lwakho okanye ukukholwa nenkululeko yoko unokukwenza wedwa
okanye nobudlelwane nabanye nokuba kusesidlangalaleni okanye emfihlakalweni, ukucacisa
inkolo yakho okanye ukukholelwa kwimfundiso, ukwenza unqulo nokugcina izithethe.
Inqaku le-19
Wonke umntu unelungelo lokucinga nokuthetha ngokukhululekileyo, eli lungelo liquka
inkululeko yokuveza uluvo lwakhe ngaphandle kokuphazamiseka nokuzama ufumana ukuze
udlulise ulwazi neengcinga nangaziphi na iintlobo zosasazo nokuba kukweyiphi na imida.
Inqaku la-20
- Wonke umntu unelungelo lenkululeko yeendibano zoxolo kunye neentlanganiso zoxolo.
- Akukho namnye oya kunyanzeliswa ukuba abe lilungu lentlangano.
Inqaku la-21
- Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo
okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo.
- Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe.
- Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa
ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye
ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko.
Inqaku la-22
Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye
enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana
nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo
zesidima nenkululeko engenkqubela-phambili yobuntu bakhe.
Inqaku la-23
- Wonke umntu unelungelo lokusebenza, ukuzikhethela umsebenzi ngokukhululekileyo,
ubulungisa neemfuneko ezifanelekileyo zomsebenzi, kunye nokukhuseleka okuchasene
nokungabinamsebenzi.
- Wonke umntu ngaphandle komkhethe, unelungelo lomvuzo olinganayo ngomsebenzi olinganayo.
- Wonke umntu osebenzayo unelungelo lobulungisa bokukhetha intlawulo ukuqinisekisa ukuba
yena nosapho lwakhe baphila impilo enexabiso nesidima sobuntu, eya kuthi yongezwe kwakuba
nemfuneko, ngezinye iindlela zokukhusela intlalo yoluntu.
- Wonke umntu unelungelo lokubumba okanye abe lilungu lweemanyano zorhwebo, ukukhusela
iimfanelo zakhe.
Inqaku la-24
Wonke umntu unelungelo lokuphumla nokuba nexesha lokuphola, kunye namaxesha
avumelekileyo okusebenza namaxesha eholide ezuza umvuzo.
Inqaku la-25
- Wonke umntu unelungelo lentlalo esemgangathweni ngokuphila impilo efanelekileyo kunye
nosapho lwakhe, kunye nokutya, impahla, indawo yokuhlala, unyango kunye neenkonzo
ezibalulekileyo zentlalo, kwanelungelo lokhuseleko wakungasebenzi, wakugula, wakuba
ngumlwelwe, ngumhlolokazi, ngumdli-mhlalaphansi okanye wakuswela impilo
ngokungalawulekiyo.
- Ubunina nobuntwana bulungelwe yinkathalelo ebalulekileyo kunye noncedo olukhethekileyo.
Bonke abantwana nakuba bengazalwa emtshatweni mabaxhamle ukhuseleko lwentlalo
ngokulinganayo.
Inqaku la-26
- Wonke umntu unelungelo lemfundo. Kuza kuba nomfundaze kwabaqalayo nakwimigangatho
ebalulekileyo. Imfundo yabaqalayo iya kunyanzeliswa. Imfundo ngezobugcisa kunye
nokufundela umsebenzi kuya kwenziwa ukuba kufumaneke kanti imfundo ephakamileyo nayo iya
kwenziwa ukuba ifumaneke ngokulinganayo kuluntu lonke njengesiseko sempumelelo.
- Imfundo iza kujoliswa ngqo kwinkqubela phambili epheleleyo yoluntu nokomelezwa
kwentlonipho yamalungelo oluntu nokubaluleka kwenkululeko. Iza kuxhasa imvisiswano,
ukunyamezelana nobuhlobo phakathi kwezizwe, ubuzwe, namaqela eenkolo eyakuthi iphuhlise
umsebenzi wamazwe jikelele ukuze kugcinwe uxolo.
- Abazali banelungelo elibalulekileyo lokukhetha uhlobo lwemfundo eyakuthi ifundiswe
abantwana babo.
Inqaku la-27
- Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo kwinkqubela yelizwe
lakhe, onwabele inkcubeko kunye nesabelo senkqubela phambili yenzululwazi kunye noncedo
lwezo zinto.
- Wonke umntu unelungelo lokhuseleko, lwempatho kunye nezo zinto athi azithande ezithi
zibe ziziphumo zezayo nayiphina inkqubela, ubuchule bokufunda nokubhala okanye ubugcisa
bemveliso yombhali.
Inqaku la-28
Wonke umntu unelungelo lentlalo yoluntu kunye neyezizwe-jikelele apho amalungelo
nenkuleleko alenkcazo-jikelele athi amkeleke khona.
Inqaku la-29
- Wonke umntu kufuneka asebenzele uluntu aphila phakathi kwalo, apho inkululeko
nenkqubela-phambili epheleleyo neyamkelekileyo yoluntu ithi ifumaneke khona.
- Ekusebenziseni amalungelo nenkululeko, wonke umntu uya kuba phantsi kwempembelelo
ezimiselwe ngumthetho ngezizathu zokuqinisekisa ulwamkeleko ngentlonipho yamalungelo
nenkululeko yabanye, ukuhlanganiswa kweemfuneko yokuziphatha kakuhle, esidlangaleni
nentlalo-ntle ngokolawulo lwedemokrasi.
- La malungelo neenkululeko zoluntu mawangasetyenziswa ngendlela ephikisana neenjongo
nemithetho yamazwe abumbeneyo.
Inqaku la-30
Le nkcazo-jikelele mayingatolikwa ngenjongo yokuba imele ezobuRhulumente, iqela okanye
umntu owenza isithembiso okanye osenzo sineenjongo ezingatshabalalisa nokuba ngowuphi na
umqathango wamalungelo kunye neenkululeko zoluntu ekuthethwa ngazo apha.